lirik.web.id
a b c d e f g h i j k l m n o p q r s t u v w x y z 0 1 2 3 4 5 6 7 8 9 #

lirik lagu maxhoseni – xa uthando luse lutsha

Loading...

[verse 1:]

xa uthando luse lutsha ndimfow’nela kathathu ngemini
ndiyaku khumbula baby tyhini
saw’bonana nini?
yonke afuna uyiva ndiyamxelela
messages ezi sweet ndiyamsendela
lonk’ixesha ndiyamncoma uyababa ngempela
ndimbone enc-ma uchazekile
ngaphakathi ndizixelele intliziyo yakhe ndiyi winile
xa esenda u-please call ndithatha i-phone ndimbhelele
sinc0kole kube mnandi i-airtime ide iphele
tyhini iphela njani le airtime iseshushu lenc0ko
khaw’thi ndikhuph’imali ndiye stolo kwa ngoko
ngalo mzuzu ndisaya eshop ndimsendela i-sms “i miss you already”
ndimthembise ndizokwazisa kwi olady
athi “baby kuse early what if umama wakho akandithandi?”
ngaphakathi ndibe ndiqonda andithethi nyani qha ndimvisa kamnandi

[hook:]

xa uthando luse lutsha
yonke ethethwayo ikwenza ungaz’boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke
zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke
xa uthando luse lutsha
yonke ethethwayo ikwenza ungaz’boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke
zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke

[verse 2:]

ndaw’thi ujonga intliziyo yakhe ndiyi winile
kuyacaca ukuba nyhani iqhinga lam lisebenzile
undifow’nela andixelele itshomi zakhe zirhalela undibona
ndi-send(e) i-pic yam aphendule sendixelela ziyancoma
wow sthandwa sam itshomi zam yaz zithi sifanelene kwaye zincoma amehlo wakho
ndiphendule sendisithi zinyanisile
xa ulapha uzundikhumbuze ndik’nike imali baby uyokwenza intloko yakho
xa uthando luse lutsha ndiyanyoba ngemali andigcisi
n0ba yintoni ayicelayo uyifumana ngok’khawleza andisokolisi
andilindi n0ba ayicele i-airtime ndiyamthengela
uyayazi ebusuku xa ndizolala ndiyamfow’nela
nase kuseni xa ndivukile ndiyafow’na imini emnandi ndiyam-wishela

[hook:]

xa uthando luse lutsha
yonke ethethwayo ikwenza ungaz’boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke
zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke
xa uthando luse lutsha
yonke ethethwayo ikwenza ungaz’boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke
zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke

[verse 3:]

now izinto zitshintshile xa sinc0kola ayisekho shushu inc0ko
into ebendiyifuna ndiyifumene ndiyekile ufow’na oko
xa esend’u please call andisafowni kwaye lonto uyayi qaphela
xa endibuza un0bangela ndimxelele kwezi ntsuku i-airtime iyandinqabela
xa efuna sibonane ndiyazulisa i-excuse ihlal’ikhona
sthandwa sam andizubakho uking beema undicelile ndiyombukela edlal’ibhola
indlela endiqhuba ng-yo ndifuna adikwe ade andilahle
ukuba siyanc0kola ku whatsapp ndimphendula kade
ukuba undifownela ebusuku
ndivele ndiqal’uchuku
why undivusa ndilele ndise buthongweni?
ndi-drop(e) i-phone yam enye nenye ndizoy’xoxa ekuseni

[hook:]

xa uthando luse lutsha
yonke ethethwayo ikwenza ungaz’boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke
zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke
xa uthando luse lutsha
yonke ethethwayo ikwenza ungaz’boni ukuba uyabhanxwa uqhatheke
zona izithembiso ezenziwayo ziyenza intliziyo ithabatheke


Lirik lagu lainnya:

LIRIK YANG LAGI HITS MINGGU INI

Loading...