lirik.web.id
a b c d e f g h i j k l m n o p q r s t u v w x y z 0 1 2 3 4 5 6 7 8 9 #

lirik lagu kitso seti – umanyano

Loading...

[intro: kitso seti]
1, 2, ngumakoya

[verse 1: kitso seti]
sathi sihleli izulu lasibekela
kanti kukufika kwabelungu ngeenqanawe ezisuka ngasentla
tyhini abapheza, baquqa bephindelela
besahlula iafrika, akwabikho neentshiyekela
iidarkie zathula, ezinye iafrika zayilwela
imbumbulu ihlal’esifubeni kothe wacinga ukuvukela
bambulal’ ulumumba, ukwame nkrumah walandela
walungisa isizwe sakhe usankara iidarkie zamjikela
baya enigeria bangcungcuthekisa ufela
waleqa i30 years e~exile umiriam makeba
nabo behleka omnyama ebulalana yedwa
inkatha ilwa nеanc, esifa ong~yifuni icodesa
lahamba ixesha, bamenz’uthix’umandеla
bambulal’uchris hani, bona ubomi baqhubekeka
isizwe saphela, iafrophobia yasiqwela
nanku ephakamis’umkhonto ebulal’ummi wasekenya
watsho esikrakra isikhalo umama afrika ekhala
ebukel’iintsana zakhe zibulalana emarikana
sizwe ezimnyama, yini ukukhohlakala okungaka?
masilungise apho sone khona sikhe sicinge ngomanyana

[chorus: kitso seti] x 2
ukuba kungenzeka athi abuye ubawo
ze nimxelele ndizobe ndilapha, ondifumana kule ndawo
nam bendinomkhonza sikwazi ukulwa ongendawo
makandixolele ngoba ngoku ndisafun’ umanyano
[verse 2: kitso seti]
ekuqiniseni umzi wayo, intaka ikha ngoboya benye
iyakwazi ucela nezinye ukuba nazo zibe yinxalenye
kuba kuhle ukubukela isizwe sincedisana sibambene
ndiyathemba ngomhl’othile eafrika sophel’ isimenye
sonke singama~afrika kodwa siyabulalana
yena omhlophe wafika, abamnyama bajikelana
asinokwazi ukuyiphika, sonakel’ isizwe esimnyama
ngoku kunzim’ukujika, asisakwazi nokuxolelana
savumel’umlungu angene phakathi kwethu asiqhekeze
we hate our own and give love to the caucasian
we buy guns from the whites to k!ll those who are somalians
sithi mabahame kweli lizwe, forgetting they’re also africans
run! racists will run when africans unite
there must be principle in this unity, yeah, n~gga no doubt
we’ll sharpen the contradictions and disturb anything white
sowa sivuka, ma~afrika never give up the fight


Lirik lagu lainnya:

LIRIK YANG LAGI HITS MINGGU INI

Loading...